
UTshepo Tshola usabalasele nakwicwecwe lakhe lesithathu ecula yedwa elithi Nothing Can Beat The Truth. ll!zwi lakhe elisisitshotho esimnandi lahlukile kwamanye amazwi eemvumi kanti wonk umntu angangq!na ukuba - useza kuhla!a emculweni

kubaiisa uBONGANI HLATSHWAYO

kwafota uLUCKY NXUMALO

Uyay!thanda !moto yakhe entsha, i-TJolphin BMW.
Sityelele Emzini Ka7e 7a





































UTshepo ufuna ukucu!a A umculo onomyalezo.



UTshepo Tshola uyakuthanda akwaziyo ukukwenza: ukuba negalelo ekuphucu!weni komculo waseMzantsi-Afrika.


I
 SIGANYONYO esithandeka.yo, uTshepo Tshola, ulindele ukufika kwethu emzini wakhe oseSunVilla. Uyaduinzela ecula ingoma ekwicwecwe asandul ukulishicilela elithi Otla Hona Obatla Ditaba.
Yingoma ethetha ngothoba-sikutyele eluntwini lwakowethu.
Eneneni yona ingabahlobo abaxatyaniswa Iulwimi, utshilo uTshepo
Ngohlobo endiyibona ngayo le nto andibaweli indehlele. Kanti ke xa ikhathaza rnna, ikhathaza wonk umntu.
Umculo wale ngoma Iuhlobo Ioinculo onyanga abantu. Umculo warn uyimfundiso. Ndiza kukwenzela umzekelo ngomama wam.
Akafundanga, kodwa undifundisa yonke imihla. Andikagqithi kulwazi lwakhe lukaTshepo ngokwasemoyeni, utshilo uTshepo.
Ndiyaqinisekisa ukuba ingoma
endiyibhalayo inento eyithethayo, iyafundisa kwaye iyonwabisa. Imfundo ayifttmaneki esikolweni kupbela, ifumaneka nasengomeni.
Ndikhumbula ndisenza amabanga aphakamileyo, amantombazana ayedla ngoktivula iincwadi zawo zoinculo ngekhefu, acule ngokuzolileyo. lingoma zazineiniyalezo nakuwo.
"Sisithethe endisivuseleleyo ngomculo wam eso. Andizibandakanyanga nomculo kuba ndifuna ukufumana iinali
ngokukhawule2a kodwa ndifuna ukugqithisa umyalezo ongaphakathi kum, Abantu bangabagwebi bomculo wam, undixelele.
Eyona nto ibalaseleyo kuTshepo eyimvumi kube kukuqhekeka kwakhe neSankomota ngo-1 992, nomhlobo wakhe uFrank Leepa, wayoziculela yedwa.
Ndaziva ndinomnqweno
wokukhupha imbilini yam. Sonke sathabatha iindlela ezahlukeneyo



32 BONA XHOSA - December 1996

